5 *Oothixo abanjalo bafana nonomgogwanaoxhonywe entsimini yentyabontyi:abakwazi kuthetha,bayathwalwa kuba abakwazi kuhamba.Musani ukuboyika:akukho nto imbi banganenza yona,kungekho nanto banokunceda ngayo.”
6 Ngubani onjengawe, Ndikhoyo?Umkhulu wena;igama lakho lithe ndii, lidume ngobungangamsha.
7 Ngubani ongakuhloneliyo, wena Kumkani weentlanga?Ewe, ufanelwe yimbeko;akakho onjengawe,nditsho phakathi kwezilumkonaphakathi kwezizwe nookumkani bazo.
8 Ziziyatha nezityhifili xa bebonke;bangafundiswa ntoni ngoothixo abaqingqwe ngomthi?
9 Baqingqwe ngesiliva yaseTashishe,nangegolide evela eUfazi.Okuxhonkxwe ziingcibi nabakhandikwambeswa ngeengubo ezibomvu nezimfusa ezalukwe ngamagcisa.
10 Kodwa nguNdikhoyo onguThixo ngenene;yena unguThixo ophilayo,uKumkani oya kuhlala ehleli.Akuqumba yena umhlaba uyankwantya;izizwe azinakumelana nengqumbo yakhe.(
11 “Baxelele uthi: ‘Abo thixo bangalidalanga izulu nomhlaba, baza kubhanga emhlabeni naphantsi kwezulu.’ ”)