14 “Wena ke uze ungabathandazeli aba bantu, ungabathetheleli, ungabacengeli kum, ungabangxengxezeli kum konke, kuba andisobe ndikuphulaphule.”
15 Uthi uNdikhoyo: “Wena ntandane yam, ufuna ntoni endlwini yam xa undenzela iyelenqe kunye nabanye? Ngaba amadini owenzayo olinqanda ishwangusha? Xa bekunjalo ngewuchulumacha!
16 Ndandidla ngokuthi ufana nomthi womnquma oyokozelayo uthwele iziqhamo ezihle ngembonakalo, kodwa ngoku ndiza kuvuthuza ndixele isaqhwithi, ndiwantumeke umlilo amagqabi aloo mthi, ndiwashiye amasebe eze.
17 “UJuda noSirayeli bâtyalwa ndim, mna Ndikhoyo onamandla onke, ke ngoku ndibasongela ngeshwangusha. Sisiphumo sezenzo zabo ezigwenxa esi, kuba bandiqumbisile ngokwenzela uBhali amadini esiqhumiso.”
18 *UNdikhoyo wandityhilela, khon' ukuze ndiqonde;wawavula amehlo am, ndazazi iinjongo zabo.
19 Ndandifana nqwa nexhwane elimbuna lisiya kuxhelwa.Bekungekho nto ndiyaziyo.Bendingaqondi ukuba baceba amayelenqe ngam,besithi: “Masiwutshabalalise umthi uselula,simcime igama, angabi sakhunjulwa ngabaphilayo.”
20 Ndibhenela kuwe, Ndikhoyo Somandla-onke,wena mgwebi olilungisa,wena mgocagoci weentliziyo neengqondo zabantu.Wonke lo mcimbi wam ndiwuxhoma kuwe;mandikubone ke ukundiphindezela kwakho kubo.