19 Ndandifana nqwa nexhwane elimbuna lisiya kuxhelwa.Bekungekho nto ndiyaziyo.Bendingaqondi ukuba baceba amayelenqe ngam,besithi: “Masiwutshabalalise umthi uselula,simcime igama, angabi sakhunjulwa ngabaphilayo.”
20 Ndibhenela kuwe, Ndikhoyo Somandla-onke,wena mgwebi olilungisa,wena mgocagoci weentliziyo neengqondo zabantu.Wonke lo mcimbi wam ndiwuxhoma kuwe;mandikubone ke ukundiphindezela kwakho kubo.
21 Ngenxa yoko naku okuthethwa nguNdikhoyo malunga nabantu baseAnatoti abazungula ubomi bakho besithi: “Musa ukuba sashumayela ngegama likaNdikhoyo, hleze sikubulale ngezandla zethu.”
22 Ngoko ke uNdikhoyo uthi: “Niyabona, ndiza kuqubisana nabo. Amadodana abo aza kufa ngekrele, oonyana neentombi zabo bona bafe yindlala.
23 Akuyi kusinda nempunde le, kuba ndiwazisela ishwangusha amadoda aseAnatoti ngonyaka wokubohlwaya kwam.”