1 Ulilungisa, wena *Ndikhoyo, xa ndixambulisana nawe,xa ndibhenela kuwe ngeendawo ezinxulumene nobulungisa.Ngaba ibangwa yintoni impumelelo yezibhoja?Kungani amaqhophololo ehleli ethe zava nje?
2 Batyalwe nguwe, zendela iingcambu zabo;bahlumile, bavelisa iziqhamo.Usoloko usemilebeni yabo,kodwa ezintliziyweni zabo ukude lee.
3 Ke wena, Ndikhoyo, uyandibona;uyazigocagoca iingcamango zam ngawe.Barhuqe abantu abagwenxa, baxele iigusha eziya kuxhelwa.Bakhethele bucala, ide ifike imini yokubulawa.
4 Koda kube nini uzilile umhlaba?Koda kube nini itshile ingca emadlelweni?Izilwanyana neentaka ziyafa ngenxa yenkohlakalo yabantu bakowethu.Kanti bathi: “UThixo akasazi isiphelo sethu.”
5 *UNdikhoyo wathi: “Xa ububaleka nabantu abahamba ngeenyawo, waza wadinwa, ungakhuphisana njani namahashe? Xa ukhubeka emhlabeni ophangaleleyo, uya kuthini kwiintshinyela zamatyholo aseJordan?
6 Ujikelwe ngabantakwenu nendlu kayihlo, bazimisela ukukwenzakalisa. Uze ungaze ubathembe, nokuba bathetha kamnandi nawe.