3 Ke wena, Ndikhoyo, uyandibona;uyazigocagoca iingcamango zam ngawe.Barhuqe abantu abagwenxa, baxele iigusha eziya kuxhelwa.Bakhethele bucala, ide ifike imini yokubulawa.
4 Koda kube nini uzilile umhlaba?Koda kube nini itshile ingca emadlelweni?Izilwanyana neentaka ziyafa ngenxa yenkohlakalo yabantu bakowethu.Kanti bathi: “UThixo akasazi isiphelo sethu.”
5 *UNdikhoyo wathi: “Xa ububaleka nabantu abahamba ngeenyawo, waza wadinwa, ungakhuphisana njani namahashe? Xa ukhubeka emhlabeni ophangaleleyo, uya kuthini kwiintshinyela zamatyholo aseJordan?
6 Ujikelwe ngabantakwenu nendlu kayihlo, bazimisela ukukwenzakalisa. Uze ungaze ubathembe, nokuba bathetha kamnandi nawe.
7 “Ndoyishiya indlu yam,ndisibukule isizwe esililifa lam,ndimnikele othandwe ndim ezandleni zeentshaba zakhe.
8 Ilifa lam nqwa nengonyama egquma ehlathini: liyandivukela.Kungoko ke ndilithiyile nje.
9 Ilifa lam lifana nengcuka engqingwe ngamakhozi;bizani onke amarhamncwa, eze esidlweni.