4 Baza kutsho bacekiseke kuzo zonke izikumkani zehlabathi ngenxa yento eyênziwa eJerusalem nguManase into kaHezekiya ukumkani wakwaJuda.
5 “Jerusalem, ngubani owovelana nawe,ingubani oya kukukhuza?Ngubani owozikhathaza ukukubuza impilo?
6 Nguwe ondilahlileyo, waza wabuya umva.”Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.“Ndidiniwe kukuba nosizi nguwe;ngoko ke ndiya kukusa isandla ndikutshabalalise.
7 Ndobachitha-chitha kuzo zonke izixeko zeli lizwe,okomququ ophetshethwayo xa kubhulwa.Ndobahlutha inzala abantu bam, ndibatshabalalise,ngenxa yokuba bengafuni kwahlukana nemikhwa emibi.
8 Abahlolokazi boba baninzi,badlule intlabathi engaselwandle.Emini emaqanda ndobazisela umtshabalalisi oonina bamadodana,ngequbuliso ndobafikela ngonxunguphalo nokunkwantya.
9 Uya kurhoxoza unina wabasixhenxe,aphume umphefumlo,ilanga lakhe litshone kusesemini,ajwaqeke lihlazo naziintloni.Abo baseleyo ndiya kubayekela kwiintshaba zabo,zibagqibezele ngekrele.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
10 Awu, mama, ubundizalela ni? Ngoku sendingumntu wempikiswano nengxabano ehlabathini lonke! Andibolekisanga nganto, kungekho nabani endiboleke kuye, kodwa akukho mntu ungandiqalekisiyo.