11 Uze wena ubaphendule uthi: ‘Kungenxa yokuba ooyihlo-mkhulu bandishiya, balandela oothixo basemzini, babakhonza, baqubuda kubo. Mna bandifulathela, abawuthobela umyalelo wam.’ Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
12 ‘Kodwa nina niziphethe kakubi nabadlula ookhokho benu: nako elowo elandela ukuqaqadeka kwentliziyo yakhe ekhohlakeleyo endaweni yokuba andiphulaphule mna.
13 Ndiza kunikhupha kulo mhlaba, ndinise kwilizwe eningalaziyo nina kunye nooyihlo. Apho nonqula *thixo bambi imini nobusuku, kuba andiyi kunisizela konke mna.’ ”
14 Nguwo lo umlomo *kaNdikhoyo: “Inene, iyeza imihla ekungayi kuba safungwa kuthiwe: ‘Ekho nje uNdikhoyo owakhulula amaSirayeli eJiputa.’
15 Koko baza kuthi: ‘Ekho nje uNdikhoyo owakhulula amaSirayeli kumhlaba wangasentla nakwamanye amazwe awayewagxothele kuwo.’ Ndiza kuwabuyisela kowawo umhlaba endawunika ooyise-mkhulu.”
16 Nguwo lo umlomo *kaNdikhoyo: “Niyabona, ndiza kuthumela abalobi beentlanzi abaninzi, baze kubambisa aba bantu, emva koko ndithumele abazingeli abaninzi babazingele kuzo zonke iinduli nakuzo zonke iintaba, nasezimfanteni zamawa.
17 Ndiyayibona into abayenzayo; akukho nto isitheleyo kum; ndiyabubona bonke ubugwenxa babo.