1 Lavakala kuJeremiya ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:
2 “Phakama uye emzini wombumbi; apho ndokwazisa udaba lwam.”
3 Ndaya emzini wombumbi, ndafika esebenza elityeni lakhe.
4 Kwakuthi yakungabumbeki kakuhle imbiza yodongwe, abuye aluthathe olo dongwe, enze ngalo mbiza yimbi ngokubona kwakhe.
5 Lavakala ke kum ilizwi likaNdikhoyo lisithi:
6 “Ke, bantu bakwaSirayeli, niba mna andinako ukwenza kuni njengokuba umbumbi esenza njalo ngodongwe?” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Nani nisezandleni zam, njengodongwe olusezandleni zombumbi.
7 Nanini na xa ndithe ubukumkani okanye uhlanga oluthile ndolunyothula, ndiludilize, ndilutshabalalise,