10 ze lona lungandithobeli, lwenze ububi, andiyi kukwenza oko kulungileyo bendizimisele ukukwenza.
11 “Ngoku ke baxelele abantu bakwaJuda nabemi baseJerusalem, uthi: Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Niyabona, ndiniqulunqele ububi, ndanicingela icebo. Guqukani elowo kwimikhwa yakhe emibi, nilungise ihambo yenu nezenzo zenu.’
12 Bona ke baza kuthi: ‘Unotshe! Siza kuhamba ngokubona kwethu, elowo kuthi enze ngokuqaqadeka kwentliziyo yakhe ekhohlakeleyo.’ ”
13 Ke ngoko utsho *uNdikhoyo ukuthi:“Khanibuzise kwezinye iintlangaukuba yakha yehla phi na into enje ngaphambili.Intombi enguSirayeli yenze ihlazo elimanyumnyezi!
14 Likhe linyibilike liphele ikhephu ezincotsheni zeLebhanon?Yona imisinga epholileyo evela kwimithombo yakude yakha yoma nini?
15 Kodwa bona abantu bam bandilibele.Bênzela izinto ezingamampunge isiqhumiso,zabakhubekisa kwiindlela zabo,nditsho umendo wamandulo.Baphambukile kwindlela eyiyo,bahamba ngeendledlana ezingalungiswanga.
16 Lo mhlaba bawutsho wayintw' ekhwankqisayo,intw' eya kuhlala ingumbono ongajongekiyo.Bonke abahamba ngendlela baya kothuka kakhulu,badlule behlunguzela iintloko bethe khumnqa.