13 “Kaloku lintlantlu mbini ityala labantu bam:bandishiyile mna, mthombo wamanzi ampompozayo,bazimbela awabo amaqula –amaqula avuzayo ziintanda.”
14 “Ngaba uSirayeli likhoboka?Ngaba wazalelwa ebukhobokeni na?Ngani ukuba abe lixhoba?
15 Iingonyama ziyagquma, ziyamgragramela.Seziwuqwenga-qwengile umhlaba wakhe,zazitsho zaba ngamabhodlo angahlali bani izixeko zakwaSirayeli.
16 Ewe, abantu baseMemfisi naseTapanesesebekugugule ukhakhayi.
17 Nguwe ngokwakho ozenzileyo,kuba umfulathele *uNdikhoyo uThixo wakhoakuba ebekukhokela endleleni.
18 Khawutsho ke,kungani ukuba uye kusela amanzi aseNayile eJiputa?Kungani uye kusela amanzi aseYifrate eAsiriya?
19 Uza kuqeqeshwa bubugwenxa bakho;uza kululekwa kukukreqa kwakho;uza kubuqonda ubukrakra nobubi bokundifulathelanokungankwantyi phambi kwam, mna Ndikhoyo, Thixo wakho.”Lowo ngumlomo wengangalala uNdikhoyo onamandla onke.