16 Ewe, abantu baseMemfisi naseTapanesesebekugugule ukhakhayi.
17 Nguwe ngokwakho ozenzileyo,kuba umfulathele *uNdikhoyo uThixo wakhoakuba ebekukhokela endleleni.
18 Khawutsho ke,kungani ukuba uye kusela amanzi aseNayile eJiputa?Kungani uye kusela amanzi aseYifrate eAsiriya?
19 Uza kuqeqeshwa bubugwenxa bakho;uza kululekwa kukukreqa kwakho;uza kubuqonda ubukrakra nobubi bokundifulathelanokungankwantyi phambi kwam, mna Ndikhoyo, Thixo wakho.”Lowo ngumlomo wengangalala uNdikhoyo onamandla onke.
20 “Kudala, Sirayeli, wayaphulayo idyokhwe,waziqhawula izitrophu zakho,usithi: ‘Andiyi kukukhonza.’Ewe, ubuhamba ulala ezinkalweni zonkenangaphantsi kwemithi yonke,uziqhekeza uxela ihenyukazi.
21 Kanti ke mna ndakutyala;ungumdiliya omhle othenjiweyo.Kutheni ngoku sewajika waba ngumdiliya wasendle nje?
22 Nditsho nokuba ungade uzihlambe ngesoda,uziguxe ngeyodwa isepha,awusayi kusuka wona umdintsi wesono sakho.”Lowo ngumlomo weNkosi *uNdikhoyo.