6 Bonke abemi besi sixeko ndiza kubahlisela isibetho sesifo esibulalayo – nditsho abantu kunye nemfuyo yabo.’
7 “Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: ‘Emva koko amasalela asindileyo kubhubhani, nekrele, nendlala, ukumkani uZedekiya namaphakathi akhe kunye nabantu besi sixeko, ndiza kubanikela esandleni sokumkani uNebhukadenezare waseBhabheli nakwiintshaba ezifuna ukubabulala. Yena uza kubangena ngekrele, engenalusizi nanceba naluvelwano.’
8 “Ngaphezu koko baxelele aba bantu uthi: Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Khethani phakathi kokufa nokuphila.
9 Lowo uhlala kwesi sixeko uya kufa likrele nayindlala nangubhubhani. Kodwa lowo uphumela ngaphandle azilahlele kumaKaledi aningqingileyo, uya kusinda ekufeni.
10 Esi sixeko ndizimisele ukusizisela ububi, hayi ubuhle.’ Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. ‘Ndosinikela esandleni sokumkani waseBhabheli, aze yena asitshabalalise ngomlilo.’
11 “Yithi kwindlu yokumkani wakwaJuda: ‘Nali ilizwi likaNdikhoyo
12 kuni, nina bendlu kaDavide. Mbekeleni iindlebe uNdikhoyo, uthi:“ ‘Mihla le gwebani ngobulungisa,okhuthuzwayo nimsindise kubabandezeli,hleze ugqabhuke umsindo wam,uvuthe okomlilo,ndibe lugcwabevu, ndinganqandeki,ngenxa yenkohlakalo eniyenzileyo.