18 Utsho ke ngoko uNdikhoyo ngoJoyakim unyana kaJosiya, ukumkani wakwaJuda, ukuthi:“Akayi kuzilelwa bani xa afileyo;akukho uya kuthi: ‘Yini, mntakwethu! Yini, dade wethu!’kungekho noya kumlilela esithi: ‘Yini, nkosi yam! Yini, mhlekazi!’
19 Uya kungcwatywa okwedonki,arhuqwe aye kulahlelwa ngaphandle kwamasango eJerusalem.”
20 “Nyuka iLebhanon, ugxwale apho.Danduluka eBhashan, ukhale phezu kweentaba zaseAbharim,kuba boyisiwe bonke abathandana nawe.
21 Ndakulumkisa usemi kakuhle,kodwa wena wathi: ‘Ngunotshe!Soze ndikuphulaphule!’Yinto oqhel' ukuyenza leyo kwasebutsheni bakho;akuzange wavuma ukulithobela izwi lam.
22 Onke amahlakani akho aya kuphetshethwa ngumoya,abathandana nawe basiwe ekuthinjweni,uphoxeke, uhlazeke, ngenxa yamanyundululu akho.
23 Wena othe zava entabeni yaseLebhanon,ondlu yakho yakhelwe emisedareni,useza kugcuma wakufikelwa yinimba,utsho uzibhija-bhije okomfazi olunywayo.”
24 Utsho umlomo *kaNdikhoyo ukuthi: “Ndiyafunga, ndithi kuwe, Koniya, nyana kakumkani Joyakim wakwaJuda, nokokuba ubungumsesane endiwunxibe emnweni wesandla sam sokunene, bendiya kukukhulula,