21 Ndakulumkisa usemi kakuhle,kodwa wena wathi: ‘Ngunotshe!Soze ndikuphulaphule!’Yinto oqhel' ukuyenza leyo kwasebutsheni bakho;akuzange wavuma ukulithobela izwi lam.
22 Onke amahlakani akho aya kuphetshethwa ngumoya,abathandana nawe basiwe ekuthinjweni,uphoxeke, uhlazeke, ngenxa yamanyundululu akho.
23 Wena othe zava entabeni yaseLebhanon,ondlu yakho yakhelwe emisedareni,useza kugcuma wakufikelwa yinimba,utsho uzibhija-bhije okomfazi olunywayo.”
24 Utsho umlomo *kaNdikhoyo ukuthi: “Ndiyafunga, ndithi kuwe, Koniya, nyana kakumkani Joyakim wakwaJuda, nokokuba ubungumsesane endiwunxibe emnweni wesandla sam sokunene, bendiya kukukhulula,
25 ndikunikele esandleni sabo uboyikayo bazungula ubomi bakho, nditsho ukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli nabantu bakhe amaKaledi.
26 Ndiza kukuthatha kunye nonyoko, ndiniphose kwilizwe lasemzini, nifele apho.”
27 Kaloku abasobe babuyele kwilizwe lakowabo abalilangazelelayo.