23 Wena othe zava entabeni yaseLebhanon,ondlu yakho yakhelwe emisedareni,useza kugcuma wakufikelwa yinimba,utsho uzibhija-bhije okomfazi olunywayo.”
24 Utsho umlomo *kaNdikhoyo ukuthi: “Ndiyafunga, ndithi kuwe, Koniya, nyana kakumkani Joyakim wakwaJuda, nokokuba ubungumsesane endiwunxibe emnweni wesandla sam sokunene, bendiya kukukhulula,
25 ndikunikele esandleni sabo uboyikayo bazungula ubomi bakho, nditsho ukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli nabantu bakhe amaKaledi.
26 Ndiza kukuthatha kunye nonyoko, ndiniphose kwilizwe lasemzini, nifele apho.”
27 Kaloku abasobe babuyele kwilizwe lakowabo abalilangazelelayo.
28 Kutheni uKoniya engodelekileyo, efana nengqayi etyumkileyo, into engafunwa bani? Kutheni selelahlwa ephoswa kwilizwe angalaziyo yena kunye nentsapho yakhe?
29 Mhlaba; mhlaba! O, hayi, lo mhlaba!Phulaphula! Nali ilizwi likaNdikhoyo!