29 “Alinjengomlilo na ilizwi lam, lingenjengehamile na eyaphula ilitye lenyengane?” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
30 Nguwo lo ke umlomo kaNdikhoyo: “Ndibachasile abo bashumayeli abeba omnye komnye amazwi angathi ngawam.
31 Ndibachasile kwanabo bashumayeli bashumayela ngobabo ubuciko, suka bathi: ‘Utsho uNdikhoyo.’ ”
32 Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: “Niyabona, ndibachasile abo bashumayela ubuxoki bamaphupha abo. Bayawachaza, baze balahlekise abantu bam ngokuzigwagwisa kwabo. Abathunywanga ndim, yaye bengagunyaziswanga ndim. Futhi akukho nto konke babanceda ngayo aba bantu.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
33 “Xa aba bantu bekubuzayo, nokuba *ngumshumayeli nokuba ngumbingeleli, besithi: ‘Udaba olundilisekileyo *lukaNdikhoyo luthini?’ uze uthi: ‘Ungumthwalo wena kuNdikhoyo; ibe uza kukothula.’ ” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
34 “Xa kukho umntu, nokuba ngumshumayeli, nokuba ngumbingeleli, othi xa ethetha: ‘Nalu udabaNgesiHebhere umthwalo nodaba olundilisekileyo ligama elinye lukaNdikhoyo,’ loo mntu uya kohlwaywa kunye nentsapho yakhe.
35 “Nisoloko nibuza kubahlobo nakwizizalwane nisithi: ‘Impendulo kaNdikhoyo ithini? Uthini uNdikhoyo?’