32 Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: “Niyabona, ndibachasile abo bashumayela ubuxoki bamaphupha abo. Bayawachaza, baze balahlekise abantu bam ngokuzigwagwisa kwabo. Abathunywanga ndim, yaye bengagunyaziswanga ndim. Futhi akukho nto konke babanceda ngayo aba bantu.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.