20 kwakunye nabangeneleli; bonke ookumkani belaseUzi, nabo bonke ookumkani bezixeko zamaFilistiya: iAshkelon, iGaza, iEkron, namasalela aseAshdodi;
21 bonke abantu base-Edom, eMowabhi, naseAmon, bayisela;
22 ookumkani baseTire naseSidon bonke; ookumkani bamazwana angaphesheya kolwandle nabo bayisela,
23 kunye nezixeko zaseDedan, eTema, naseBhuze, nabantu abacheba iinwele ezintlafunweni basela;
24 ookumkani bama-Arabhu, nookumkani bezizwe ezingumxube zasentlango;
25 nookumkani baseZimri nase-Elam naseMediya,
26 nabo bonke ookumkani basemantla, abakude nabakufuphi ngokulandelelana. Zonke izizwe eziphezu komhlaba zimelwe kukusela kuloo bhekile yengqumbo kaThixo. Ekugqibeleni ke iya kuba ngukumkani waseSheshaki oya kusela.