30 “Wena ke, bashumayeze ubaxelele olu daba, uthi:“ ‘UNdikhoyo uyazongoma esibhakabhakeni;izwi lakhe lihlokoma ekhayeni lakhe elilodwa.Ugragramela umhlaba wakhe ngamandla;utsho ngentswahla okwabaxovula iidiliya,ebhekisa kubemi behlabathi xa lilonke.
31 Intlokoma yovakala naseziphelweni zehlabathi,kub' uNdikhoyo wob' esisa izizwe ematyaleni,lugwetywe lonke uluntu,amatshijolo awanikele kwikrele.’Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
32 Utsho uNdikhoyo uSomandla-onke ukuthi:‘Yehl' intlekele!Isuka kwesi sizwe, iye kwesiya,oku kwenkanyamba evela kumaphethelo elizwe.’ ”
33 Ngelo xesha ke bonke abo babulewe nguNdikhoyo boba bethe saa ngeenxa zonke – ukususela kweli cala lomhlaba, kuse kweliya. Abayi kuzilelwa; abayi kuqokelelwa; bengayi kungcwatywa. Baya kudunduluza okwamalongwe phezu komhlaba.
34 Yitshoni ngesimbonono, nina belusi,niziqikaqike eluthulini, nina zikhwakhwamela zomhlambi.Ligalelekile kaloku ixesha lokuxhelwa kwenu;niza kuqikileka, niqhekeke, nixel' iingqayi zexabiso.
35 Ophela amahlathi kuni, belusi;nani, zikhwakhwamela zomhlambi, anisayi kuphuncuka.
36 Bayambomboloza abelusi;ziyangquleka izikhwakhwamela zomhlambi;kuba kaloku uNdikhoyo ulibharhisile idlelo.