33 Ngelo xesha ke bonke abo babulewe nguNdikhoyo boba bethe saa ngeenxa zonke – ukususela kweli cala lomhlaba, kuse kweliya. Abayi kuzilelwa; abayi kuqokelelwa; bengayi kungcwatywa. Baya kudunduluza okwamalongwe phezu komhlaba.
34 Yitshoni ngesimbonono, nina belusi,niziqikaqike eluthulini, nina zikhwakhwamela zomhlambi.Ligalelekile kaloku ixesha lokuxhelwa kwenu;niza kuqikileka, niqhekeke, nixel' iingqayi zexabiso.
35 Ophela amahlathi kuni, belusi;nani, zikhwakhwamela zomhlambi, anisayi kuphuncuka.
36 Bayambomboloza abelusi;ziyangquleka izikhwakhwamela zomhlambi;kuba kaloku uNdikhoyo ulibharhisile idlelo.
37 Zitsho zangumqwebedu neentili eziluhlaza,ngenxa yengqumbo erhwaqelisayo kaNdikhoyo.
38 Wofulathela axel' ingonyama ishiy' isikhundla,kube yintshabalalo ezweni labo,ngenxa yoburhalarhume bomsindo wakhe,nangenxa yengqumbo erhwaqelisayo.