11 Ababingeleli nabashumayeli babhekisa kwiziphathamandla nabo bonke abantu, besithi: “Lo mntu ufanelwe kukugwetyelwa ukufa; niyive ngokwenu into ayishumayele ngesi sixeko!”
12 UJeremiya ubhekise kwiziphathamandla nakubantu bonke, wenjenje: “NguNdikhoyo ondithume ukuba ndishumayele ezi zinto benindiva ndizithetha ngale ndlu nesi sixeko.
13 Ngoko yahlukanani nale mikhwa mibi yenu nezenzo zenu ezimdaka, nimthobele uNdikhoyo uThixo wenu. Uya kwandula ke uNdikhoyo ukusirhoxisa isigqibo sokunihlisela intlekele.
14 Mna okokwam ndisezandleni zenu; yenzani loo nto nibona ifanele ukwenziwa.
15 Kambe ke nize nazi kakuhle ukuba xa nindibulala noba netyala lokuphalaza igazi elimsulwa, nikunye nesi sixeko nabemi baso, kuba mna ngenene ndithunywe nguNdikhoyo ukuba ndize kuwathetha kuni la mazwi niwevileyo.”
16 Iziphathamandla zikunye nabantu bonke, zathi kubabingeleli nabashumayeli: “Lo mntu akasifanelanga isigwebo sokufa! Uthetha nathi egameni likaNdikhoyo uThixo wethu.”
17 Kwavela amadoda amakhulu elo zwe, abhekisa kuloo ntlanganiso, athi: