9 Kutheni ukuba ushumayele ngegama likaNdikhoyo uthi le ndlu iza kufana neShilo, esi sixeko sitshabalale sibe yinkangala ngamanxuwa, singahlalwa mntu?” Bamvingcela kuloo ndlu kaNdikhoyo uJeremiya bonke abantu.
10 Zithe ezi ndaba zakufika kwiziphathamandla zakwaJuda, zatsho zagxalathelana ukusuka ebhotwe, zisiya endlwini kaNdikhoyo, zafika zaya kutsho ezihlalweni zazo ngakwiSango eLitsha lendlu kaNdikhoyo.
11 Ababingeleli nabashumayeli babhekisa kwiziphathamandla nabo bonke abantu, besithi: “Lo mntu ufanelwe kukugwetyelwa ukufa; niyive ngokwenu into ayishumayele ngesi sixeko!”
12 UJeremiya ubhekise kwiziphathamandla nakubantu bonke, wenjenje: “NguNdikhoyo ondithume ukuba ndishumayele ezi zinto benindiva ndizithetha ngale ndlu nesi sixeko.
13 Ngoko yahlukanani nale mikhwa mibi yenu nezenzo zenu ezimdaka, nimthobele uNdikhoyo uThixo wenu. Uya kwandula ke uNdikhoyo ukusirhoxisa isigqibo sokunihlisela intlekele.
14 Mna okokwam ndisezandleni zenu; yenzani loo nto nibona ifanele ukwenziwa.
15 Kambe ke nize nazi kakuhle ukuba xa nindibulala noba netyala lokuphalaza igazi elimsulwa, nikunye nesi sixeko nabemi baso, kuba mna ngenene ndithunywe nguNdikhoyo ukuba ndize kuwathetha kuni la mazwi niwevileyo.”