11 Kanti sona isizwe esimthobelayo ukumkani waseBhabheli, sifake intamo edyokhweni yakhe, simthobele, sona ndosiyeka emhlabeni waso: sohlala kuwo, siwulime.’ ” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
12 NakuZedekiya ukumkani wakwaJuda, ndithethe kwaloo nto inye. Ndithe: “Mthobeleni ukumkani waseBhabheli, niyithwale idyokhwe yakhe, nimkhonze yena nabantu bakhe, khon' ukuze niphile.
13 Ngani ukuba nizibulalise ngekrele, nendlala, nobhubhani, zinto ezo eziya kuthunyelwa nguNdikhoyo kwisizwe esingafuni ukuthobela ukumkani waseBhabheli?
14 Ze ningawaphulaphuli amazwi abashumayeli abathi: ‘Anisokuze nibe phantsi kolawulo lukakumkani waseBhabheli,’ kuba bashumayela ubuxoki bodwa xa batshoyo.
15 Abathunywanga ndim abo.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Bathetha ubuxoki egameni lam. Ngoko ke ndonigxotha, nitshabalale kunye nâbo bashumayeli banishumayeze ubuxoki.”
16 Ke ndithe kubabingeleli nakubantu bonke: “Utsho uNdikhoyo ukuthi: Ze ningawaphulaphuli amazwi abashumayeli abathi: ‘Iimpahla zendlu kaNdikhoyo ziza kubuya kwakamsinyane eBhabheli.’ Banishumayeza ubuxoki.
17 Ze ningabaphulaphuli. Ze nithobele ukumkani waseBhabheli xa nifuna ukuphila. Ngani ukuba esi sixeko sibe ngamabhodlo?