1 Kwangaloo nyaka, ngenyanga yesihlanu, kunyaka wesine elawula uZedekiya ukumkani wakwaJuda, uHananiya unyana ka-Azure waseGibheyon wathi kum, sisendlwini *kaNdikhoyo, ngaphambi kwababingeleli nabantu bonke:
2 “Utsho uNdikhoyo onguSomandla-onke, uThixo kaSirayeli, ukuthi: ‘Ndiyaphule idyokhwe kakumkani waseBhabheli ephezu kwenu.
3 Ngeminyaka emibini ndiza kuyibuyisela kule ndawo yonke impahla yendlu kaNdikhoyo eyathathwa yasiwa eBhabheli ngukumkani waseBhabheli uNebhukadenezare.
4 Ndiza kubabuyisela apha ooJekoniya unyana kaJoyakim ukumkani wakwaJuda, nabo bonke abathinjwa bakwaJuda abasiwa eBhabheli.’ Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. Ewe, uthi: ‘Ndiyaphule idyokhwe yokumkani waseBhabheli ephezu kwenu.’ ”