2 “Utsho uNdikhoyo onguSomandla-onke, uThixo kaSirayeli, ukuthi: ‘Ndiyaphule idyokhwe kakumkani waseBhabheli ephezu kwenu.
3 Ngeminyaka emibini ndiza kuyibuyisela kule ndawo yonke impahla yendlu kaNdikhoyo eyathathwa yasiwa eBhabheli ngukumkani waseBhabheli uNebhukadenezare.
4 Ndiza kubabuyisela apha ooJekoniya unyana kaJoyakim ukumkani wakwaJuda, nabo bonke abathinjwa bakwaJuda abasiwa eBhabheli.’ Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. Ewe, uthi: ‘Ndiyaphule idyokhwe yokumkani waseBhabheli ephezu kwenu.’ ”
5 UJeremiya umshumayeli wamphendula umshumayeli uHananiya apho ngaphambi kwababingeleli nabantu bonke ababelapho endlwini kaNdikhoyo,
6 wenjenje: “Amen! Akwaba ngenene uNdikhoyo la mazwi entshumayelo yakho ebeya kuwafezekisa, ayibuyisele kule ndawo impahla yendlu yakhe, kunye nabo bonke abathinjwa abaseBhabheli!
7 Kambe ke, khawuve le nto ndiza kuyithetha apha phambi kwakho nangaphambi kwabo bonke aba bantu.
8 Abashumayeli bamandulo, ababekho ngaphambi kwethu, babeshumayela ngemfazwe nendlala nobhubhani, bethetha ngezizwe ezikude nezikumkani ezinamandla.