4 “Ukanti kwawena usathi kum:‘Kaloku, tata, uyintandane yam kwasebutsheni bam.
5 Akunako ukuhlala unomsindo;akuyi kundiqumbela kude kuye esiphelweni.’Yintetho yakho ke leyo,kodwa wenza amanyundululu kangangoko!”
6 Kwathi ngexesha uJosiya ukumkani wayesesihlalweni, ndafikelwa lilizwi *likaNdikhoyo lisithi: “Uyibonile into andenze yona umkreqikazi uSirayeli? Uhambe ehenyuza ezindulini eziphakamileyo nangaphantsi kwemithi eyokozelayo.
7 Ndandiba uya kuthi emva kwayo yonke loo nto abuyele kum. Kodwa akabuyelanga kum, yaye nodade wabo ongathembekanga uJuda wayibona loo nto.
8 UJuda wabona ukuba umkreqikazi uSirayeli ndamnika incwadi yoqhawulo-mtshato ngenxa yokukrexeza, kodwa yena akazange othuke, suka naye ngokwakhe wangena kolo krexezo.
9 Ngenxa yokuba yaba yinto elula kumkreqikazi uSirayeli ukuhenyuza, walixabhela ilizwe, kuba wayekrexeza ngokunqula izinto ezingamatye nemithi.
10 Kuyo yonke loo nto uJuda udade wabo ongathembekanga akazange abuyele kum ngentliziyo yonke, wasuka wandixokisa.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.