18 “Utsho uNdikhoyo ukuthi:‘Izindlu zakwaYakobi ndiza kuzibuyisela kundalashe,zidle ngendebe endala,ndibe nemfesane kumzi ngamnye.Amanxuwa aseJerusalem aza kuvuswa,nebhotwe lime kwasendaweni yalo.
19 Kovakala intsholo yemibongo apho,nentswahla yemigcobo.Ndobatsho bande, banganciphi;babaluleke, bangadeleki.
20 Inzala yabo yoba njengeyamandulo,ibandla labo ndilizinzise,ndibohlwaye bonke ababacinezelayo.
21 Inkokheli yabo yovela kwakubo,umlawuli aphume phakathi kwabo.Uya kuvela ngokubizwa ndim,asondele kufuphi nam,kungekho bani nje ungade asondele kum ndingambizanga.’Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
22 ‘Ewe, niya kuba ngabantu bam,mna ndibe nguThixowenu.’ ”
23 Niyabona, kuphuma kuNdikhoyo ulophu,nditsho isaqhwithi esoyikekayoesivuthuza phezu kweentloko zabangendawo.
24 Lo msindo kaNdikhoyo awuyi kujika ade abe ukufezekisile oko akucebileyo entliziyweni yakhe.Kwimihla ezayo niya kuyiqonda kakuhle le ndawo.