8 “Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo uSomandla-onke:‘Ngaloo mini ndoyaphula idyokhwe abaphantsi kwayo,ndiziqhawule izitrophu ababotshwe ngazo,bangabi saba ngamakhoboka abantu basemzini.
9 Ndaweni yaloo nto baza kuba zizicaka zikaNdikhoyo uThixo wabo,nezicaka zokumkani wabo uDavide endiya kubavelisela yena.’
10 “ ‘Musa ukoyika ke, sicaka sam Yakobi;nawe Sirayeli, mus' ukunkwantya.’Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.‘Ndiza kukuhlangula kwelo lizwe likude,ndiyikhulule inzala yakho kumazwe engabathinjwa kuwo.Ewe, uYakobi woxhamla inzolo nolonwabo,kungabe kubekho bani umothusayo.
11 Ndinawe ukuze ndikusindise.’Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.‘Zona iintlanga endikuchitha-chithe phakathi kwazondozitshabalalisa mpela,kodwa wena andiyi kukucima tu igama.Nawe phofu uza kohlwaywa;ndiza kukuqeqesha,phofu ndingabi ngqongqo kuwe.’
12 “Utsho uNdikhoyo ukuthi:‘Inxeba lakho alinako nokubotshwa oku;wenzakele kangangokuba ungabi nakunyangwa.
13 Awunamthetheleli;awunayeza lokuzinyanga izilonda,ungenalo nethemba lokuphiliswa.
14 Izithandwa zakho zikulibele zonke;azisacingi nokucinga oku ngawe.Ndikubethe oku kotshaba,ndakuqeqesha ngqongqo ngenxa yezikreqo zakho ezikhulu,nezono zakho ezininzi.