18 Ewe, ndimvile encwina uEfrayim, esithi:‘Undiqeqeshile ndatsho ndanjengethole eliqhelisiweyo.Ndibuyise, khon' ukuze ndibuyele kuwe,kuba nguwe, Ndikhoyo, uThixo wam.
19 Ndakuba ndikreqile, ndibuye ndazohlwaya;ndakuba ndiziqondile, ndizive ndidanile.Ndineentloni, ndihlazekilengenxa yokusindwa ngamahlazo obutsha bam.’
20 Ngaba uEfrayim asingonyana wam oyintandane,umntwana endinebhongo ngaye?Okukhona ndimkhalimelayo kokukhona ndimkhumbulelayo.Ndisikwa yimfesane ngenxa yakhe;inene, ndomthi jize ngenceba.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
21 “Misa izalatha-ndlela, ugxumeke izalathiso.Qwalasela indlela owohamba ngayo.Goduka, ntombindini Sirayeli;buyela kwiidolophu zakowenu.
22 Koda kube nini uthingaza, ntombindini ingathembekanga?UNdikhoyo udale into entsha emhlabeni:umfazi ekhusela indoda.”
23 Utsho uSomandla-onke, *uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, ukuthi: “Xa sele ndibahlangule ekuthinjweni, ndababuyisela kundalashe, baya kubuya bathethe la mazwi emhlabeni wakwaJuda nakwiidolophu zawo, bathi: ‘Mzindini wobulungisa, ntabandini engcwele, uNdikhoyo makakusikelele.’
24 Baya kuma ndawonye abantu bakwaJuda needolophu zakhona, belapho abalimi nabafuyi ababesoloko bejikeleza nempahla.