20 Wênza imiqondiso eJiputa. Uthe rhoqo ukwenjenjalo unanamhla nalapha kwaSirayeli naseluntwini luphela, wazenzela igama njengokuba kusenjalo.
21 Wabakhupha eJiputa abantu bakho amaSirayeli ngemiqondiso nemimangaliso ngesandla sakho esomeleleyo nangengalo yakho enamandla, eyabarhwaqelisayo abantu.
22 Wabanika umhlaba ochumileyo ovuza ubisi nobusi owawuthembisa ookhokho ngesifungo.
23 Bakuba bengenile bema kumhlaba owabanika wona, suka bayityeshela imiyalelo yakho, abakuthobela, abazenza tu izinto owathi maze bazenze. Yiyo ke loo nto behlelwe leli shwangusha nje.
24 “ ‘Khangela, asingqingile esi sixeko amaKaledi, enza iingqumba zokusihlasela. Siza kunikezelwa esi sixeko ngenxa yekrele, nendlala, nobhubhani. Ilizwi lakho liyazaliseka njengokuba nawe ubona.
25 Kuyo yonke loo nto, wena Mhlekazi Ndikhoyo, uthe kum: “Zithengele umhlaba ngemali phambi kwala mangqina,” kanye ngoku esi sixeko siza kunikezelwa esandleni samaKaledi.’ ”
26 Lavakala kuJeremiya ilizwi likaNdikhoyo lisithi: