22 Wabanika umhlaba ochumileyo ovuza ubisi nobusi owawuthembisa ookhokho ngesifungo.
23 Bakuba bengenile bema kumhlaba owabanika wona, suka bayityeshela imiyalelo yakho, abakuthobela, abazenza tu izinto owathi maze bazenze. Yiyo ke loo nto behlelwe leli shwangusha nje.
24 “ ‘Khangela, asingqingile esi sixeko amaKaledi, enza iingqumba zokusihlasela. Siza kunikezelwa esi sixeko ngenxa yekrele, nendlala, nobhubhani. Ilizwi lakho liyazaliseka njengokuba nawe ubona.
25 Kuyo yonke loo nto, wena Mhlekazi Ndikhoyo, uthe kum: “Zithengele umhlaba ngemali phambi kwala mangqina,” kanye ngoku esi sixeko siza kunikezelwa esandleni samaKaledi.’ ”
26 Lavakala kuJeremiya ilizwi likaNdikhoyo lisithi:
27 “Khangela, mna ndinguNdikhoyo, uThixo woluntu luphela. Akukho nanye into enokundinqabela.
28 Nditsho ke ngoko mna Ndikhoyo ukuthi: Esi sixeko ndiza kusinikela esandleni samaKaledi nakukumkani waseBhabheli uNebhukadenezare, yena oya kusithimba.