19 Iziphathamandla zakwaJuda naseJerusalem kunye namaphakathi, ababingeleli kunye nabo bonke abantu beli lizwe abacande phakathi kwamacala ethole elahlulwe kubini,
20 ndiza kubanikezela esandleni seentshaba zabo ezizungula ubomi babo, izidumbu zabo zibe kukutya kweentaka namarhamncwa.
21 “ ‘Naye ukumkani uZedekiya wakwaJuda, kunye neziphathamandla zakhe, ndiza kubanikela esandleni seentshaba zabo ezizungula ubomi babo, nditsho umkhosi wokumkani waseBhabheli orhoxileyo ekumhlaseleni.
22 Ndiza kunika umyalelo ndiwubuyisele kwesi sixeko, usihlasele, usithimbe, usitshise. Ezi dolophu zakwaJuda ndiza kuzitsho zibe yinkangala apho kungekho bani unokuhlala.’ Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.”