1 Ngexesha ukumkani uJoyakim unyana kaYosiya wayengukumkani kwaJuda lavakala ilizwi *likaNdikhoyo kuJeremiya,
2 lisithi: “Yiya kumaRekabhi, uthethe nawo, uwamemele kwigumbi elibucala endlwini kaNdikhoyo, uwanike iwayini asele.”
3 Ndaya kubiza uYazaniya unyana kaJeremiya unyana kaHabhaziniya, nabantakwabo noonyana bakhe bonke. Ndawumema wonke umzi wamaRekabhi.
4 Ndabangenisa endlwini kaNdikhoyo, kwigumbi leento zikaHanam owayezalwa ngumfo wakwaThixo uIgedaliya. Elo gumbi lalimelene negumbi leziphathamandla, lona eli lingasentla kwelikaMaseya unyana kaShalum owayengumgcini-masango.
5 Ndabeka iibhekile neendebe ezinewayini ngaphambi kwabo, ndathi: “Khanibambe, madoda!”
6 Athi loo madoda: “Hayi, asiyiseli iwayini! Kaloku ubawo omkhulu uYonadabhi, unyana kaRekabhi, wathi: ‘Ze ningaze niyisele iwayini, nina nezizukulwana, nditsho nanini na.
7 Ngaphezu koko ze ningaze nakhe izindlu, nihlwayele imbewu, nityale izidiliya. Ze ningabi nazo konke-konke ezi zinto, koko nihlale ezintenteni bonke ubomi benu. Ukuba nithe nenjenjalo niya kuma ithuba elide kulo mhlaba eniphambukele kuwo.’