4 Ndabangenisa endlwini kaNdikhoyo, kwigumbi leento zikaHanam owayezalwa ngumfo wakwaThixo uIgedaliya. Elo gumbi lalimelene negumbi leziphathamandla, lona eli lingasentla kwelikaMaseya unyana kaShalum owayengumgcini-masango.
5 Ndabeka iibhekile neendebe ezinewayini ngaphambi kwabo, ndathi: “Khanibambe, madoda!”
6 Athi loo madoda: “Hayi, asiyiseli iwayini! Kaloku ubawo omkhulu uYonadabhi, unyana kaRekabhi, wathi: ‘Ze ningaze niyisele iwayini, nina nezizukulwana, nditsho nanini na.
7 Ngaphezu koko ze ningaze nakhe izindlu, nihlwayele imbewu, nityale izidiliya. Ze ningabi nazo konke-konke ezi zinto, koko nihlale ezintenteni bonke ubomi benu. Ukuba nithe nenjenjalo niya kuma ithuba elide kulo mhlaba eniphambukele kuwo.’
8 Siwuthobele ke wonke umyalelo kabawo omkhulu uYonadabhi unyana kaRekabhi. Thina, nabafazi bethu, noonyana neentombi zethu, asizanga sayisela iwayini ebomini,
9 singazanga sakha zindlu zakuhlala, salima masimi nazidiliya.
10 Sasoloko sihlala ezintenteni ngokuthobela umyalelo esawunikwa ngubawo-mkhulu uYonadabhi.