27 Akuba ukumkani eyitshisile incwadi eyabhalwa nguBharuki ebizelwa nguJeremiya, libuye lavakala ilizwi *likaNdikhoyo kuJeremiya, lisithi:
28 “Thatha enye incwadi, ubhale kuyo onke loo mazwi awayekulaa ncwadi yokuqala itshiswe nguJoyakim ukumkani wakwaJuda.
29 Uze uthi kuJoyakim ukumkani wakwaJuda: ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: Wena uyitshisile laa ncwadi, usithi: “Kutheni ukuba ubhale usithi ngenene ukumkani waseBhabheli uza kulitshabalalisa eli lizwe, atshitshise konke abantu nempahla?”
30 Ke ngoko utsho uNdikhoyo malunga noJoyakim ukumkani wakwaJuda ukuthi: “Yena akayi kuba namzukulwana uya kulawula esikhundleni sikaDavide. Isidumbu sakhe siya kulahlwa, sitshe lilanga emini, silale iqabaka ebusuku.
31 Ndiza kumohlwaya, yena nenzala yakhe, namaphakathi akhe, ngenxa yobugwenxa ababenzileyo. Bona kunye nabemi baseJerusalem nabakwaJuda abandiphulaphulanga; ngoko ke ndiza kubahlisela intlekele ekukade ndibasongela ngayo.” ’ ”
32 Wathatha enye incwadi uJeremiya, wayinika unobhala uBharaki unyana kaNeriya. UBharuki wabhala onke loo mazwi wawabizelwa nguJeremiya ayekulaa ncwadi yatshiswa ngukumkani. Kongezwa namanye amazwi amaninzi anjengawo.