1 UZedekiya unyana kaYosiya wabekwa waba ngukumkani wakwaJuda, emiselwa ngukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli. Wangena ezihlangwini zikaKoniya unyana kaJoyakim
2 owayengazange awahoye, yena namaphakathi akhe, nabantu belizwe, amazwi *kaNdikhoyo awayeshunyayelwa ngumshumayeli uJeremiya.
3 Ke yena uZedekiya wathumela uYukali unyana kaShelemiya, ekunye nombingeleli uZefaniya unyana kaMaseya, ukuba baye kumshumayeli uJeremiya, bafike bathi: “Khawusithandazele kuNdikhoyo uThixo wethu.”
4 Ngelo xesha wayesakhululekile uJeremiya, esenokuhamba-hamba phakathi kwabantu, kuba wayengekavalelwa entolongweni.