5 “Usezandleni zenu; mna kumkani andinakuphikisana nani,” waphendula ngelitshoyo ukumkani uZedekiya.
6 Bamthatha ke uJeremiya, baya kumfaka emhadini owawusenkundleni yabalindi kwaMalekiya unyana kakumkani. Bamthoba ngentambo ukumsa ezantsi kuloo mhadi owawungenamanzi, iludaka lodwa. Watshona kwelo daka ke uJeremiya.
7 Zaya kufika kwigosa lasebhotwe uEbhedi-meleki, owayengumKushe, ezo ndaba zokuba uJeremiya weyehliselwe emhadini. Kwathi ukumkani esahleli ngakwiSango lakwaBhenjamin,
8 uEbhedi-meleki waya apho kuye evela ebhotwe, wafika wathi:
9 “Noko, mhlekazi, imbi yonke le nto yenziwe ngala madoda kumshumayeli uJeremiya, ukweyelisela umntu emhadini apho aya kulamba afele khona xa kungasekho kutya esixekweni.”
10 Ukumkani wathi kumKushe uEbhedi-meleki: “Thatha amashumi amathathu amadoda, uye kunyula umshumayeli uJeremiya kuloo mhadi, engekafeli apho.”
11 Wanduluka ke naloo madoda uEbhedi-meleki, waya nawo kwigumbi elalisebhotwe ngaphantsi kwendlu enguvimba wasebhotwe. Wathatha amadlavu apho, wawathobela emhadini kuJeremiya, ebotshwe ngentambo.