15 Ngexesha uJeremiya wayevaleleke enkundleni yabalindi lavakala kuye ilizwi likaNdikhoyo, lisithi:
16 “Yiya kuxelela uEbhedi-meleki umKushe uthi: ‘Utsho *uNdikhoyo uSomandla-onke, uThixo kaSirayeli, ukuthi: Amazwi am mayela nesi sixeko ndiya kuwazalisekisa ngokusihlisela intlekele, ingabi kokulungileyo. Loo nto iza kuhla uyijongile, lakufika ixesha.
17 Kodwa wena ndokuhlangula ngaloo mini. Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. Wena akuyi kunikezelwa esandleni saloo madoda uwaxhaleleyo.
18 Inene, ndiza kukuhlangula, ungawi likrele, businde ubomi bakho, kuba ubuthembele ngam wena. Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.’ ”