2 Kwathi ngomhla wethoba ngenyanga yesine kunyaka weshumi linanye uZedekiya engukumkani agqobhoza angena kweso sixeko amaKaledi.
3 Zesuka zonke iziphathamandla zekumkani yaseBhabheli zaya kutsho ngakwiSango eliseMbindini, zafika zee nqwadalala ezihlalweni apho; yayingooNerigale-sharezere, noSamagare-nebho, noSarsekim umphathi oyintloko, nomnye uNerigale-sharezere owayeyingqwayi-ngqwayi yomkhosi, kunye nezinye iindwalutho zokumkani waseBhabheli.
4 Bathe bakuzibona ezi ziphathamandla ooZedekiya ukumkani wakwaJuda ekunye nomkhosi wakhe wonke, basaba; bemka ngobusuku esixekweni ngendlela edlula ngasesitiyeni sikakumkani, baphuma ngesango eliphahlwe ziindonga, babalekela entilini yeJordan.
5 Umkhosi wamaKaledi wabasukela wamfumana uZedekiya kuloo mathafa aseJeriko. Amthatha amsa kukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli owayeseRibhela ezweni laseHamati. Lathethwa apho ityala likaZedekiya, waza wagwetywa.
6 Ukumkani waseBhabheli wababulala apho eRibhela oonyana bakaZedekiya ejongile, ngokunjalo wazibulala neendwalutho zonke zakwaJuda.
7 Wamtyhaphaza amehlo uZedekiya, wamfaka amakhamandela enziwe ngobhedu, ukuze asiwe eBhabheli.
8 Ibhotwe lokumkani, nezindlu zabantu, zatshiswa ngomlilo ngamaKaledi, adiliza neendonga zeJerusalem.