4 Bathe bakuzibona ezi ziphathamandla ooZedekiya ukumkani wakwaJuda ekunye nomkhosi wakhe wonke, basaba; bemka ngobusuku esixekweni ngendlela edlula ngasesitiyeni sikakumkani, baphuma ngesango eliphahlwe ziindonga, babalekela entilini yeJordan.
5 Umkhosi wamaKaledi wabasukela wamfumana uZedekiya kuloo mathafa aseJeriko. Amthatha amsa kukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli owayeseRibhela ezweni laseHamati. Lathethwa apho ityala likaZedekiya, waza wagwetywa.
6 Ukumkani waseBhabheli wababulala apho eRibhela oonyana bakaZedekiya ejongile, ngokunjalo wazibulala neendwalutho zonke zakwaJuda.
7 Wamtyhaphaza amehlo uZedekiya, wamfaka amakhamandela enziwe ngobhedu, ukuze asiwe eBhabheli.
8 Ibhotwe lokumkani, nezindlu zabantu, zatshiswa ngomlilo ngamaKaledi, adiliza neendonga zeJerusalem.
9 Umphathi wabalindi bekumkani, uNebhuzaradan, wabaqhubela eBhabheli ekuthinjweni abantu abasala esixekweni, bekunye nabo babezinikezele, nabanye abantu abaseleyo.
10 Kodwa inxalenye yabantu ababengamahlwempu angenanto tu, wabashiya ezweni lakwaJuda umphathi uNebhuzaradan, wababela amasimi nezidiliya.