7 Wamtyhaphaza amehlo uZedekiya, wamfaka amakhamandela enziwe ngobhedu, ukuze asiwe eBhabheli.
8 Ibhotwe lokumkani, nezindlu zabantu, zatshiswa ngomlilo ngamaKaledi, adiliza neendonga zeJerusalem.
9 Umphathi wabalindi bekumkani, uNebhuzaradan, wabaqhubela eBhabheli ekuthinjweni abantu abasala esixekweni, bekunye nabo babezinikezele, nabanye abantu abaseleyo.
10 Kodwa inxalenye yabantu ababengamahlwempu angenanto tu, wabashiya ezweni lakwaJuda umphathi uNebhuzaradan, wababela amasimi nezidiliya.
11 Mayela noJeremiya ukumkani uNebhukadenezare wayalela umphathi-balindi bakomkhulu uNebhuzaradan wathi:
12 “Mthathe uJeremiya, umphathe kakuhle, ungamenzakalisi, umenzele loo nto ayifunayo.”
13 Ngoko ke umphathi-balindi uNebhuzaradan ekunye noNebhushazibhan umphathi oyintloko, nengqwayi-ngqwayi yomkhosi uNerigale-sharezere, bekunye nezinye iindwalutho zokumkani waseBhabheli,