Ujeremiya 40:3-9 XHO96

3 Uyenzile ke uNdikhoyo loo nto njengokuba wayetshilo. Nifikelwe yile nto ngenxa yokuba nimonile uNdikhoyo anamphulaphula.

4 Uyabona, namhlanje ndiza kukukhulula kula matyathanga ubotshwe izandla ngawo. Ungaya nam eBhabhehli ukuba uyafuna; ndokulungiselela. Phofu ungasala uhlale apha ukuba akufuni, okanye ungaya naphi na apho uthanda khona kweli lizwe.”

5 Kambe ke engekahambi uJeremiya uNebhuzaradan uqokele wenjenje: “Ungabuyela kuGedaliya unyana ka-Ahikam ozalwa nguShafan, omiselwe ukuba alawule iidolophu zakwaJuda ngukumkani waseBhabheli. Ungahlala naye phakathi kwamawenu, okanye uye naphi na apho uthanda khona.” Watsho emnika umphako loo mphathi-balindi kwakunye nesipho, wamndulula uJeremiya.

6 Wesuka apho uJeremiya, waya kuGedaliya unyana ka-Ahikam owayeseMizpa, wafika wahlala naye phakathi kwabantu ababesele kwelo lizwe.

7 Ukumkani waseBhabheli wamisela uGedaliya unyana ka-Ahikam ukuba abe ngumphathiswa welizwe elo, abe phantsi kwakhe loo madoda nabafazi nabantwana kwabo bahlelelekileyo ababengafuduswanga basiwa eBhabheli. Ke abaphathi bamabutho ababesemaphandleni benamadoda awo, bakukuva oku,

8 basuka baya eMizpa apho kuGedaliya. Babekhokelwe ngooIshmayeli unyana kaNetaniya, uYohanan noJonatan oonyana bakaKareya, kunye noSeraya unyana kaTanumeti, bekunye noonyana bakaEfayi wakwaNetofa, kunye noYaziya umfo waseMahaka, nabalandeli babo.

9 Wafunga uGedaliya, unyana ka-Ahikam, umzukulwana kaShafan, wathi kubo nabalandeli babo: “Ze ningoyiki ukuwakhonza amaKaledi. Hlalani apha kweli lizwe, nithobele ukumkani waseBhabheli. Xa nenjenjalo niya kulungelwa.