10 UIshmayeli wathimba bonke abantu abâsaláyo eMizpa, iintombi zokumkani nabanye bonke abasala ngexesha uNebhuzaradan umphathi-balindi bakomkhulu waphathisa uGedaliya unyana ka-Ahikam. Wahamba nabo wawelela kwelaseAmon.
11 Kwathi bakuvakala kuYohanan unyana kaKareya kunye nabaphathi-mabutho bonke ububi obenziwe nguIshmayeli unyana kaNetaniya,
12 banduluka nawo onke amadoda amabutho abo, baya kuhlasela uIshmayeli. Bamfumana emise ngakwelaa chibi likhulu laseGibheyon.
13 Bavuya abantu ababehamba noIshmayeli bakubona uYohanan esiza nabaphathi-mabutho,
14 bajika bonke abo babethinjwe nguIshmayeli eMizpa, bangenela kuYohanan unyana kaKareya.
15 Waphuncuka kodwa yena uIshmayeli unyana kaNetaniya namadoda asibhozo, baya kutsho kwelama-Amon.
16 UJohanan unyana kaKareya, ekunye nabaphathi-mabutho, bajika namasalela abantu abaqweqwediswa nguIshmayeli unyana kaNetaniya owagwinta uGedaliya unyana ka-Ahikam esuka nabo eMizpa. Yayingamadoda axhobileyo, abafazi nabantwana, namagosa asebhotwe awayevela nawo eGibheyon.