13 Bavuya abantu ababehamba noIshmayeli bakubona uYohanan esiza nabaphathi-mabutho,
14 bajika bonke abo babethinjwe nguIshmayeli eMizpa, bangenela kuYohanan unyana kaKareya.
15 Waphuncuka kodwa yena uIshmayeli unyana kaNetaniya namadoda asibhozo, baya kutsho kwelama-Amon.
16 UJohanan unyana kaKareya, ekunye nabaphathi-mabutho, bajika namasalela abantu abaqweqwediswa nguIshmayeli unyana kaNetaniya owagwinta uGedaliya unyana ka-Ahikam esuka nabo eMizpa. Yayingamadoda axhobileyo, abafazi nabantwana, namagosa asebhotwe awayevela nawo eGibheyon.
17 Banduluka bemisa eGerute-kimham ngaseBhetelehem kwindlela yabo esinga eJiputa,
18 bephepha amaKaledi. Babesoyika kuba uIshmayeli unyana kaNetaniya wagwinta uGedaliya unyana ka-Ahikam owemiswa ngukumkani waseBhabheli ukuba abe ngumphathiswa welo lizwe.