6 UIshmayeli unyana kaNetaniya wasuka eMizpa, wawahlangabeza ehamba elila. Ufikile kubo, wathi: “Yizani kuGedaliya unyana ka-Ahikam.”
7 Kodwa athi nje akuthi cakatha phakathi esixekweni, uIshmayeli nabo babehamba naye bawatyakatya loo madoda, bawaphosa emhadini.
8 Ishumi laloo madoda lona lathi kuIshamayeli: “Musa ukusibulala thina; sinokutya esikufihlileyo endle: ingqolowa, neoyile yomnquma, nobusi.” Wawayeka ke lawo amadoda akawabulala njengamanye.
9 Umhadi okwaphoswa kuwo izidumbu zamadoda abulawa nguIshmayeli kwakunye nesikaGedaliya wenziwa ngukumkani uAsa xa wayehlaselwa ngukumkani uBhasha wakwaSirayeli. Ke uIshmayeli unyana kaNetaniya wawuzalisa loo mhadi zizidumbu zabagwintiweyo.
10 UIshmayeli wathimba bonke abantu abâsaláyo eMizpa, iintombi zokumkani nabanye bonke abasala ngexesha uNebhuzaradan umphathi-balindi bakomkhulu waphathisa uGedaliya unyana ka-Ahikam. Wahamba nabo wawelela kwelaseAmon.
11 Kwathi bakuvakala kuYohanan unyana kaKareya kunye nabaphathi-mabutho bonke ububi obenziwe nguIshmayeli unyana kaNetaniya,
12 banduluka nawo onke amadoda amabutho abo, baya kuhlasela uIshmayeli. Bamfumana emise ngakwelaa chibi likhulu laseGibheyon.