9 Umhadi okwaphoswa kuwo izidumbu zamadoda abulawa nguIshmayeli kwakunye nesikaGedaliya wenziwa ngukumkani uAsa xa wayehlaselwa ngukumkani uBhasha wakwaSirayeli. Ke uIshmayeli unyana kaNetaniya wawuzalisa loo mhadi zizidumbu zabagwintiweyo.
10 UIshmayeli wathimba bonke abantu abâsaláyo eMizpa, iintombi zokumkani nabanye bonke abasala ngexesha uNebhuzaradan umphathi-balindi bakomkhulu waphathisa uGedaliya unyana ka-Ahikam. Wahamba nabo wawelela kwelaseAmon.
11 Kwathi bakuvakala kuYohanan unyana kaKareya kunye nabaphathi-mabutho bonke ububi obenziwe nguIshmayeli unyana kaNetaniya,
12 banduluka nawo onke amadoda amabutho abo, baya kuhlasela uIshmayeli. Bamfumana emise ngakwelaa chibi likhulu laseGibheyon.
13 Bavuya abantu ababehamba noIshmayeli bakubona uYohanan esiza nabaphathi-mabutho,
14 bajika bonke abo babethinjwe nguIshmayeli eMizpa, bangenela kuYohanan unyana kaKareya.
15 Waphuncuka kodwa yena uIshmayeli unyana kaNetaniya namadoda asibhozo, baya kutsho kwelama-Amon.