1 Emva koko bonke abaphathi-mabutho kunye noYohanan unyana kaKareya bekunye noYazaniya unyana kaHoshaya nabantu bonke, abancinane nabakhulu, baya
2 kumshumayeli uJeremiya, bafika bathi kuye: “Nceda usamkele isicelo sethu kuwe: Sithandazele *kuNdikhoyo uThixo wakho, ucelele onke la masalela, kuba nawe ngokwakho uyabona ukuba naxa sasibaninzi ngoku sesisele siliqaqobana.
3 Mcele uNdikhoyo uThixo wakho ukuba asityhilele indlela emasihambe ngayo, nento emasiyenze.”
4 Umshumayeli uJeremiya usuke wenjenje ukuthetha nabo: “Ndivile. Ndiza kunithandazela kuNdikhoyo uThixo wenu, ndaye ndiya kunazisa yonke into uNdikhoyo aniphendula ngayo; andiyi kunifihlela nto konke.”