1 Nanga amazwi *kaNdikhoyo awawabhekisa kwiintlanga ngomshumayeli uJeremiya.
2 Udaba oluya eJiputa luphathelele kumkhosi kakumkani uNeko waseJiputa owemisa eKarkemishe ngakumlambo iEfrati, wona waswantsuliswa ngukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli ngonyaka wesine ukumkani uJoyakim unyana kaYosiya elawula kwaJuda:
3 “Bophani amakhaka amancini namakhulu,nisinge edabini.
4 Bophani amahashe, nitsho phezulu.Yimani xhonkxosholo, nithwele izigcina-ntloko.Zikhazimliseni iintshuntshe, nifake isinxibo sentsimbi.
5 Nibona ntoni ngoku?Bayankwantya; nâbo behlehla.Ayaswantsuliswa amagorha abo; acela kwabasicatyana; akabheki nangasemva.Lunxunguphalo macala onke, utsho uNdikhoyo.
6 Nonamendu akanakuphuncula; negorha alinakusinda.Bafadalele phaya emantla; bawile ngakumlambokazi iEfrati.
7 Ngubani lo uvumbuluka ngathi yiNayile,ngathi ngamanzi emilambo adlokovayo?