31 “Phakamani niye kuhlasela uhlanga oluzonwabeleyo,uhlanga oluhleli lungenaxhala.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.“Nditsho olungenazingcango namivalo,uhlanga oluzihlalele lodwa bucala.
32 Iinkamela zabo ziya kuphangwa,imihlambi yabo ngobuninzi bayo ibe lixhoba.Ndobachitha-chitha baphetshethwe ngumoya abo banwele zichetyiweyo ezintlafunweni.Ndobahlisela ishwangusha macala onke.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
33 “IHazore iya kuba sisikhundla soodyakalashe,kube senkangala kude kube nini-nini.Akuyi kuhlala bani khona,kungabikho mntu uphambukela apho.”
34 Nalu udaba *lukaNdikhoyo olwavakala kumshumayeli uJeremiya malunga nelakwaElam esandula ukuqala ukuphatha uZedekiya ukumkani wakwaJuda.
35 Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi:“Niyabona, ndiza kusaphula isaphetha sakwaElam;eso kanye sisisiseko sobugorha babo.
36 ElakwaElam ndiza kulizisela imimoya yomineephuma macala onke.Ndobachitha-chitha kuloo mimoya yonke,kungabikho luhlanga bangafikiyo kulo abachithiweyo bakwaElam.
37 Ndowenza amaElam ankwantye akuqubisana neentshaba ezizungula ubomi bawo,ndowahlisela intlekele ukuvutha komsindo wam.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.“Ndowaleqa ngekrele, ndide ndiwagqibe.