6 Ngoko ke bohlaselwa yingonyama,ingcuka ibatsho babe ngamaswili,kuzula-zule ihlosi libalalele ngasezidolophini zabo.Ukuba nje bakhe baphumela ngaphandlelobathi qwenge-qwenge.Kaloku benze uvukelo,baphikela ukumfulathela uThixo.
7 “Ndingakuxolela njani kodwa,abantwana bakho bendibukule nje?Andithi bafunga bekhahlela oothixo abangento?Ndabondla, suka bona bakrexeza, baquqela emzini wehenyukazi.
8 Bafana neenkunzi zamahashe ezondlekileyo –banqwenela abafazi boogxa babo.
9 Mandingabohlwayi ke ngenxa yento enje;ndingaziphindezeli kwisizwe esinjengesi?”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
10 “Ngena usivuthulule isidiliya sakhe,kodwa ungasibhuqi sonke.Wasuse amasebe aso,kuba aba bantu abangabo abakaNdikhoyo.
11 Kaloku indlu kaSirayeli nekaJuda azikhange zithembeke kum mpela.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
12 Kaloku aba bantu bayamxoka uNdikhoyo, bathi: “A, suka! Akazukwenza nto lowo, kungekho nanto iza kusihlela. Asiyi kuhlaselwa bani, kungazi kubakho ndlala apha.